2 Chronicles 21:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa uyehova ebengavumi ukutshabalalisa indlu ka‐Davide, ngenxa yocebano abelwenzile no‐Davide; nanjengokuba ebete uya kunika isibane kuye, nakonyana bake, amaxesha onke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke akavumanga uYehova ukuyonakalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenzela uDavide, njengoko wathethayo, ukuba uya kumnika isibane, kwanoonyana bakhe, yonke imihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wala uYehova ukuyonakalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenzela uDavide, njengoko wathethayo, ukuba uya kumkhanyisela, yena noonyana bakhe, kude kuse ephakadeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke, ngenxa yomnqophiso kaNdikhoyo nendlu kaDavide, uNdikhoyo akavumanga ukuyitshabalalisa indlu kaDavide. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.