2 Chronicles 21:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wagqita u‐Yehorame kunye nenkosi zake, nazo zonke inqwelwana kunye naye; waselesuka ebusuku, wabeta ama‐Edome abemngqonga, nenkosi zenqwelwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagqitha uYehoram, enabathetheli bakhe, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom abemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka uYoram, nabathetheli bakhe, neenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabaqhubi beenqwelo zokulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uYehoram waya khona namaphakathi akhe, nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku waphuncuka.