2 Chronicles 22:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BAZA abemi base‐Yerusaleme bamenza u‐Ahaziya, unyana wake omncinane, ukumkani esikundleni sake: ngokuba bonke abakulu ibandla elibe lizile nama‐Arabi emnqubeni belibabulele. Kwa njalo wapata ubukumkani u‐Ahaziya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abemi baseYerusalem bamenza ukumkani uAhaziya, unyana wakhe omncinane, esikhundleni sakhe; Ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu baseJerusalem bamisela uAhaziya unyana wamaphelo kaYehoram wangukumkani esikhundleni sakhe. Kaloku abahlaseli ababekunye nama-Arabhu bababulala bonke oonyana bakhe abadala. Ngoko ke waqalisa ukulawula uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda.