2 Chronicles 22:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Yehoshebate, intombi yokumkani, wamtabata u‐Yohashe unyana ka‐Ahaziya, wamba̔ pakati kwonyana bokumkani ababebulewe, wambeka yena nomanyisikazi wake enkambilini yemandlalo: kwa njalo u‐Yehoshebate, intombi yokumkani u‐Yehorame, umfazi ka‐Yoyada umperisite, (ngokuba yena ebengudade ka‐Ahaziya,) wamfihla ku‐Hataliya, ukuba akambulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala.UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angabulawa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uYobhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wammisa yena nomfana wakhe egumbini lokulala. uYehosati, intombi kaKumkani uYehoram, umfazi wombingeleli uYehoyada (kuba wayengudade boAhaziya) wamfihla kuAtaliya ukuze angambulali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uYoshebha, intombi kakumkani uYehoram, wesuka weba uYowashe unyana ka-Ahaziya, wemka naye apho phakathi kweenkosana ezaziza kubulawa, wamfihla neneni yakhe kwigumbi lokulala. Kaloku uYoshebha intombi kakumkani uYehoram owayengumfazi wombingeleli uJoyada wayengudade boAhaziya; yiyo ke loo nto wasuka wamfihla umntwana lowo ukuze angabulawa nguAtaliya.