2 Chronicles 22:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebeyiminyaka imashumi mane anamibini u‐Ahaziya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme umnyaka wamnye. Igama lonina lalingu‐Hataliya, intombi ka‐Omri.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhaziya ubeminyaka imashumi mane anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem.Igama lonina lalinguAtaliya, intombi kaOmri.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhaziya ubeminyaka imashumi mane anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguAtaliya, intombi kaOmri.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhaziya waqalisa ukulawula xa eneminyaka emashumi mabini anambini, waza walawula eJerusalem unyaka wamnye. Unina yayinguAtaliya umzukulwana kaOmri.