2 Chronicles 22:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wahamba ngecebo labo, waya no‐Yehorame unyana ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ukulwa ngakuye u‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya, e‐Ramote yase‐Gileyadi; aza ama‐Siriya ambeta u‐Yorame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo wahamba ngecebo labo. Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, waya kulwa noAzayeli ukumkani wama-Aram, eRamoti yaseGiliyadi; ama-Aram amngxwelerha uYehoram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Naye walithobela icebo labo, wahamba noYoram unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli, baya kulwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi, yaye amaSiriya amoyisa uYoram.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Walandela icebo labo, waya emfazweni noYoram unyana ka-Ahazi ukumkani wakwaSirayeli xa wayesilwa noHazayeli ukumkani wama-Aram kwiRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram,