2 Chronicles 22:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wabuya ukuya kupoliswa e‐Yezerele, ngenxa yamanxeba abewenzelwe e‐Rama, ekulweni kwake no‐Hazayeli ukumkani we‐Siriya. Waza wehla u‐Hazariya unyana ka‐Yehorame ukumkani wo‐Juda, ukuya kubona u‐Yehorame unyana ka‐Ahabi e‐Yezerele, ngokuba ebesifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya, eza kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumana eRama, ekulweni kwakhe noAzayeli ukumkani wama-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuyela eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana eRama, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke yena waya eYizereli khon' ukuze achache kuloo manxeba wayewafumene eRamoti kwelo dabi noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Ke uAhaziya unyana kaYehoram ukumkani wakwaJuda wehla waya eYizereli esiya kubona uYoram unyana ka-Ahabhi njengoko wayenzakele.