2 Chronicles 22:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuvela kutixo ukutshatyalaliswa kuka‐Ahaziya ngokuza ku‐Yehorame: ngokuba emva kwokufika kwake, wapuma no‐Yehorame ngakuye u‐Jehu unyana ka‐Nimshi, lowo uyehova ubemtambisele ukunqamla indlu ka‐Ahabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaphuma kuThixo ukutyunyuzwa kuka-Ahaziya, ngokuthi eze kuYehoram. Ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram; baya kuYehu unyana kaNimshi, awamthambisayo uYehova ukuba ayinqamle indlu ka-Ahabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo wamtshabalalisa uAhaziya ngokuza kwakhe kuYoram; ngenxa yokuba ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram ukuya kuhlangabeza uYehu unyana kaNimshi, lowo uYehova wamthambisayo ukuba atshabalalise indlu ka-Ahabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuwa kuka-Ahaziya ekutyeleleni kwakhe uYoram kwaphuma kuThixo. Akufika uAhaziya wahamba noYoram baya kubonana noYehu unyana kaNimshi owayethanjiswe nguNdikhoyo ukuze atshabalalise indlu ka-Ahabhi.