2 Chronicles 22:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, xeshekweni u‐Jehu abesenza umgwebo pezu kwendlu ka‐Ahabi, wafumana inkosi zakwa‐Juda, nonyana babakuluwe baka Ahaziya, ababekonza kuye u‐Ahaziya, wababulala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uYehu wayengumgwebi wendlu ka-Ahabhi waza wafumana iinkosana zakwaYuda noonyana babantakwabo-Ahaziya ababekhonza uAhaziya, wababulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa uYehu wayewisa isigwebo kwindlu ka-Ahabhi, wafumana namatshawe akwaJuda nezizalwana zoonyana baka-Ahaziya ezazisonga uAhaziya, nazo ke wazibulala.