2 Chronicles 22:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wamfuna u‐Ahaziya; bada bambamba, (ngokuba ebezimele e‐Samariya,) bamsa ku‐Jehu; baza bamfisa, bamncw̔aba; ngokuba bebesiti: Ungunyana ka‐Yehoshafate, owafuna uyehova ngayo yonke intliziyo yake. Yaye indlu ka‐Ahaziya yayingaserako ukubamba amandla ebukumkanini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafunwa uAhaziya; bambamba ezimele kwaSamari, bamsa kuYehu, bambulala; bamngcwaba, ngokuba babesithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke.Indlu ka-Ahaziya yayingenabani unokuphatha ubukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafuna uAhaziya, bambamba (ezimele kwaSamari), bamzisa kuYehu; bambulala, bamngcwaba; ngokuba besithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke. Ngoko abo bendlu ka-Ahaziya babengenawo amandla okuthomalalisa urhulumente.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wamzingela uAhaziya owafunyanwa ngamahlakani akhe ezimele eSamariya. Bamzisa kuYehu, wabulawa. Bamngcwaba ke, kuba babesithi: “Kaloku yena ungunyana kaYoshafati, umfo owayemfuna ngomxhelo wakhe wonke uNdikhoyo.” Ngoko ke endlwini ka-Ahaziya akusalanga mntu unako ukubuphatha ubukumkani.