2 Chronicles 23:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngomnyaka wesixe̔nxe u‐Yoyada wazomeleza, watabata inkosi zamakulu, u‐Hazariya unyana ka‐Yerohame, no‐Shimayeli unyana ka‐Jehohanane, no‐Hazariya unyana ka‐Obedi, no‐Mahaseya unyana ka‐Hadaya, no‐Elishafate unyana ka‐Zikeri, babe naye elucebanweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesixhenxe wazomeleza uYehoyada, wathabatha abathetheli-makhulu, uAzariya unyana kaYehoram, noIshmayeli unyana kaYehohanan, noAzariya unyana kaObhedi, noMahaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri, wanqophisana nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wesixhenxe, uYehoyada wazomeleza, wathabatha abathetheli-makhulu: ooAzariya unyana kaYeroham, noIshmayeli unyana kaYohanan, noAzariya unyana kaObhedi, noMahaseya unyana ka-Adaya, uElishafati, unyana kaSigri wenze umnqophiso naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngonyaka wesixhenxe uJoyada wabona ukuba lifikile ixesha. Wenza umnqophiso neengqwayi-ngqwayi zamaqela alikhulu: uAzariya unyana kaYehoram, uIshamayeli unyana kaYohanan, uAzariya unyana kaObhedi, uMaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri.