2 Chronicles 23:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula bamkupa unyana wokumkani, bayibeka pezu kwake ikrone, bamnika nesinqi̔no, bamenza ukumkani; kanjalo u‐Yoyada nonyana bake bamtambisa, bati: Makapile ukumkani!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamkhuphela phandle unyana wokumkani, bamfaka isithsaba, bamnika isingqiniso, bamenza ukumkani. UYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bandula ke bamkhupha unyana kakumkani baza bamthwesa isithsaba baza bamnika ubungqina bamenza ukumkani. uYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, uYehova makamsindise ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uJoyada noonyana bakhe baphuma naye unyana kakumkani, baza bamthwesa isithsaba, bamnika umnqophiso obhaliweyo, bebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, bakhwaza bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”