2 Chronicles 23:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakangela, kekaloku nankuya ukumkani emi pezu kwendawo yake epezulu, endaweni yokungena, nenkosi nabanamaxilongo kufupi nokumkani: bati bonke abantu belizwe bavuya, bavutela ngamaxilongo; babeko nabaculi benezinto zokuculisa, nabo abafundisayo ukudumisa. Wandula u‐Hataliya waṙazula izivato zake, wati: Yingcebiswano, yingcebiswano!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakhangela, wambona ukumkani emi endaweni ephakamileyo ekungeneni, abathetheli nabavutheli-maxilongo bengakukumkani;abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo; iimvumi zineempahla zokuvuma, zihlabela awokudumisa. UAtaliya wazikrazula iingubo zakhe, wathi, Licebo! licebo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhangela, wambona ukumkani emi ngasetyeni lakhe lesikhumbuzo emnyango, nabathetheli nabavutheli-maxilongo benokumkani yaye njengoko babefundiswa ukucula iingoma zokudumisa. Waza uAtaliya wazikrazula iimpahla zakhe waza wathi: “Liqhinga, liqhinga eli!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukhangela wabona, tyhini, nanko ukumkani emi ngakwintsika yakhe esesangweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo, nezinye iimvumi ezinezikhalisi zikhokela ngemibongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula iingubo zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”