2 Chronicles 23:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Yoyada walwenza ucebano pakati kwake nabo bonke abantu nokumkani, ukuba babe ngabantu bakayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza uYehoyada umnqophiso phakathi kwakhe nabantu bonke, nokumkani, ukuba babe ngabantu bakaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoyada wenza umnqophiso phakathi kwakhe nohlanga luphela nokumkani, wokuba babe ngabantu bakaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uJoyada wenza umnqophiso wokuba yena nabantu kunye nokumkani baya kuba ngabantu bakaNdikhoyo.