2 Chronicles 23:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bangena bonke abantu endlwini ka‐Bali, bayicita; nezibingelo zake, nemifanekiso yake, baziqekeza; no‐Matane umperisite ka‐Bali bambulala pambi kwezibingelo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya bonke abantu endlwini kaBhahali, bayidiliza;nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lwaya lonke uhlanga endlwini kaBhahali, lwayidiliza, nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe, lwambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke ke abantu baya endlwini yokunqula uBhali, bafika bayidiliza. Bawantlekeza amaqonga ndawonye nemifanekiso, baza bambulala umbingeleli kaBhali uMatan apho phambi kwamaqonga.