2 Chronicles 23:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Yoyada kanjalo wamisa abalindi bendlu kayehova pantsi kwesandla sabaperisite abangaba‐Levi, abo u‐Davide wabahlula babe sendlwini kayehova, ukuba banikele amadini okutshiswa kayehova, njengokuba kuba̔liwe emtetweni ka‐Mosesi, ngokugcoba nangokuvuma, njengesimiselo sika‐Davide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoyada wawumisa umsebenzi wendlu kaYehova ngesandla sababingeleli, abaLevi, awabahluthayo uDavide endlwini kaYehova, ukuba basondeze amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses; nangokuvuma iingoma, njengoko uDavide wawisayo umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyada wamisela ababingeleli ukuze bavelele indlu kaNdikhoyo, abo ke ngabo yayingabaLevi ababemiselwe ukusebenza endlwini kaThixo nguDavide, ukuze banikele amadini kaNdikhoyo atshiswayo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Loo nto babeyenza ngemivuyo bememelela ngokomlomo kaDavide.