2 Chronicles 23:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula watabata inkosi zamakulu, nemiduna, nabapati babantu, nabo bonke abantu belizwe, wehla nokumkani kuyo indlu kayehova; bandula beza ngesango elide endlwini yokumkani, bahlalisa ukumkani pezu kweterone yobukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha amakhulu abathetheli nezidwangube neerhuluneli zohlanga nabo bonke abantu belizwe waza wehla nokumkani wamsa endlwini kaYehova baza bangena ngeSango Eliphakamileyo ukuze bangene endlwini kakumkani baze babeke ukumkani ukumkani etroneni yobukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqokelela iingqwayi-ngqwayi zamabutho alikhulu, izikhulu nabalawuli babantu, nabo bonke abemi belizwe, wamthatha nokumkani endlwini kaThixo, baya kungena ngesango elingasentla apho ebhotwe, ukumkani bamhlalisa kwisihlalo sobukhosi,