2 Chronicles 23:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bevuya bonke abantu belizwe, sati isixeko sanokwonwaba; no‐Hataliya bebemfisile ngeṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuya bonke abantu belizwe, umzi wazola, bambulala uAtaliya ngekrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
baza ke bonke abantu bavuya. Isixeko eso ke saba nokuzola, kuba uAtaliya ebulewe ngekrele.