2 Chronicles 23:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa makungangeni mntu endlwini kayehova, kupela ngabaperisite, nabo bakonzayo pakati kwaba‐Levi; aba baya kungena, ngokuba beyingcwele bona: kodwa bonke abantu baya kugcina isigcinelo sikayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabakhonza njengabaLevi; bona bongena, ngokuba bangcwele; kodwa bonke abantu baya kuhlala belindile kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makungabikho mntu ungenayo endlwini kaNdikhoyo ngaphandle kwababingeleli nabaLevi abasebenzayo. Bona bangangena, kuba bahlambulukile, kambe ke bonke abanye mabalinde ngokwezinto abamiselwe zona nguNdikhoyo.