2 Chronicles 23:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye aba‐Levi beya kujikelezela ukumkani ngokungqonga, abanye ngabanye benezixo̔bo zabo ezandleni zabo; nalowo ungenayo endlwini makafiswe: nize nibeko nokumkani ekungeneni kwake nasekupumeni kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongenayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AbaLevi bamrhawula ukumkani, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; bonke abangena endlwini bobulawa; woba nokumkani ekungeneni kwakhe, nokuba uthe waphuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbaLevi bona mabaphahle ukumkani, indoda nganye iphethe isixhobo sayo ngesandla. Nabani na ongenayo endlwini kaThixo makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”