2 Chronicles 23:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati aba‐Levi no‐Juda bonke benza njengako konke abeyalele ngako u‐Yoyada umperisite, batabata abanye ngabanye amadoda abo, lawo abeya kungena ngesabata, kunye nalawo abeya kupuma ngesabata: ngokuba u‐Yoyada umperisite ebengandululanga izahlulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke abewise umthetho ngako uYehoyada umbingeleli; ngokuba uYehoyada umbingeleli akamgxothanga izifundo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AbaLevi ke ndawonye nawo onke amadoda akwaJuda benza njengoko babeyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Ngamnye kubo wemka neqela lakhe, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini – kaloku umbingeleli uJoyada zange akhulule nalinye iqela.