2 Chronicles 24:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EBEYIMINYAKA isixe̔nxe u‐Yohashe ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mane e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Tsibiya, owase‐Beresheba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem.Igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Igama likanina lalinguSibja waseBher-shebha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukungena kwakhe ebukhosini uYowashe wayeneminyaka esixhenxe, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amane. Unina yayinguZibheya intombi yaseBheshebha.