2 Chronicles 24:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, ngexesha bekuziswa ityeya leyo kubongama bokumkani ngesandla saba‐Levi, naxeshekweni babona ukuba imali ininzi, kwandula kweza umba̔li wokumkani, negosa lomperisite omkulu, bakupa imali etyeyeni, bayitabata yona, bayibuyisela endaweni yayo. Benje njalo ke imihla ngemihla, babuta imali ngobuninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke ngexesha lokuziswa komkhombe ngesandla sabaLevi kubaveleli bokumkani, bakubona ukuba ininzi imali, weza umbhali wokumkani, nomveleli wombingeleli omkhulu, bayikhupha imali esemkhombeni, baza bawuthwala, bawubuyisela endaweni yawo.Benjenjalo imihla ngemihla, bahlanganisa imali yaninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa ingxowa-mali yayiziswe kukumkani ngesandla sabaLevi, yaye bakubona ukuba kukho imali eninzi, unobhala kakumkani nentloko yombingeleli omkhulu beza, bagalela engxoweni. Wayithatha wabuya nayo endlini yakhe. Ngoko benza oko yonke imihla kwaye baqokelela imali eninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo tyesana yayisithi yakuziswa ngabaLevi kumaphakathi kakumkani aze abone ukuba sekukho isixa semali, unobhala wasebhotwe negosa lombingeleli omkhulu babeyithatha bayikhuphe loo mali, baze bayiphindisele kwasendaweni yayo ityesana leyo. Le nto ke babeyenza njalo-njalo, baza ke ngaloo ndlela baqokelela imali eninzi.