2 Chronicles 24:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayetuma noko abaprofite pakati kwabo, ukuya kubabuyisela kuyehova: banqi̔na ke ngakubo, kodwa abanikela indlebe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma abaprofeti kubo bokubabuyisela kuYehova, babaqononondisa; ke bona abaphulaphula noko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma abaprofeti kubo bokubabuyisela kuYehova; kwaye banikela ubungqina nxamnye nabo, kodwa abazange babaphulaphule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathumela *abashumayeli apho ebantwini ukuze babashumayeze baguqukele kuye, kodwa abazange baguquke naxa bebakhalimela.