2 Chronicles 24:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umoya katixo wangena ku‐Zekariya unyana ka‐Yoyada umperisite, owemayo pezulu ebantwini, wati kubo: Utsho utixo ukuti: Kunganina ukuba niyagqita imiyalelo kayehova, nize ningatamsanqeleki? ngokokuba nimshiyile uyehova, kukona aya kushiya nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana kaYehoyada umbingeleli, wema phezu kwabantu, wathi kubo, Utsho uThixo ukuthi, Yini na ukuba niyigqithe imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? Ngokuba nimshiyile uYehova, wonishiya nani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana wombingeleli uYehoyada, wema phambi kwabantu, wathi kubo, Kuthiwe ngenxa kaThixo, Yini na ukuba niyiphule imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? ngenxa yokuba nimshiyile uYehova, naye unilahlile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uMoya kaThixo wamfikela uZakariya unyana wombingeleli uJoyada. Wema phambi kwabantu, wathi: “UThixo uthi: ‘Kungani na ukuba ningayithobeli imiyalelo kaNdikhoyo? Soze nibe nto! Ngenxa yokuba nimlahlile uNdikhoyo, naye ke unilahlile.’ ”