2 Chronicles 24:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Yohashe ukumkani wayengakumbuli ububele abenzelwe bona ngu‐Yoyada uyise, kodwa wambulala unyana wake; owati, ekufeni kwake: Makabone uyehova, abuze ke!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenjenjalo uYowashe ukumkani, akayikhumbula inceba abeyenzile uYehoyada, uyise kaZekariya, kuye; wesuka wambulala unyana wakhe. Ekufeni kwakhe wathi, UYehova wokhangela abuze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uYowashe akakukhumbulanga okulungileyo awakwenzayo uYehoyada kuye, wasuka wambulala unyana wakhe. Ekufeni kwakhe wathi, uYehova makakhangele, abuze kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uYowashe wabulibala ubuntu awayebenzelwe nguyise kaZakariya, wasuka wambulala unyana wakhe. Ke xa afayo uZakariya wathi: “Ngamana uNdikhoyo wakugqala ngesi senzo, akubuyekeze.”