2 Chronicles 24:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ekupeleni kwomnyaka, kwenyuka ngakuye impi yama‐Siriya; aye esiza kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, abubisa zonke inkosi zabantu ebantwini; nawo onke amaxoba azo awatuma kuye ukumkani we‐Damakusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ekupheleni komnyaka, yenyuka yeza kuye impi yama-Aram; eza kwaYuda naseYerusalem, abatshabalalisa bonke abathetheli babantu ebantwini; onke amaxhoba awo awathumela kukumkani waseDamasko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni komnyaka impi yama-Aram yamxabela, yeza kwaYuda naseYerusalem, yabatshabalalisa bonke abathetheli babantu ebantwini, yathinjwa yonke into yabo yalithumela kukumkani waseDamasko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentlakohlaza yaloo nyaka umkhosi wama-Aram wahlasela uYowashe, wamngenela uJuda neJerusalem, wazibulala zonke iinkokheli zabantu. Amaxhoba onke bawathumela kukumkani wabo eDamasko.