2 Chronicles 24:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni emkile kuye, (ngokuba ebemshiyile enezifo ezininzi,) izicaka zake zenza ingcebiswano ngakuye, ngenxa yegazi lonyana baka‐Yoyada umperisite, zambulala pezu kwomandlalo wake, wada wafa; baza bamncw̔aba esixekweni sika‐Davide, kodwa abamncw̔aba emancw̔abeni abo okumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekumkeni kwawo kuye (ngokuba amshiya eneentlungu ezinkulu), bamceba abakhonzi bakhe (ngenxa yamagazi oonyana bakaYehoyada umbingeleli), bambulalela esingqengqelweni sakhe, wafa; bamngcwabela emzini kaDavide; ke abamngcwabelanga emangcwabeni ookumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa bamshiyayo (ngenxa yokuba bamshiya egula kakhulu), abakhonzi bakhe bamenzela iyelenqe ngenxa yegazi loonyana bombingeleli uYehoyada, bambulalela esingqengqelweni sakhe, wafa lowo ufileyo; bamngcwaba emzini kaDavide, kodwa abamngcwabelanga emangcwabeni ookumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukurhoxa kwawo ama-Aram lawo amshiya emngxwelerhile uYowashe. Amaphakathi akhe amenzela iyelenqe, aza ambulala ngenxa yokuba wabulala unyana wombingeleli uJoyada; ewe, bambulalela emandlalweni wakhe. Wafa ke, waza wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide, phofu akafihlwa phakathi kookumkani.