2 Chronicles 24:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku okwonyana bake, nokwobuninzi bemitwalo ebipezu kwake, nokwokusekwa kwendlu katixo, bona ke, kuba̔liwe embalisweni yencwadi yabo okumkani. Waza u‐Amatsiya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oonyana bakhe, nobuninzi bezihlabo ezimsongelayo, nokusekwa kwendlu kaThixo, nanzo zibhaliwe ezincwadini zamabali ookumkani. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bona oonyana bakhe neempahla ezinkulu ezazithwalwe kuye, nokuhlaziywa kwendlu yoTHIXO oyinyaniso, nantso ibhaliwe ingxelo yencwadi yookumkani. uAmatsiya unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ingcombolo yoonyana bakhe kwaneentshumayelo ezingaye, nenkcazo mayela nokuhlaziywa kwendlu kaThixo, nâzo encwadini yamanqaku eembali zookumkani. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uAmaziya.