2 Chronicles 24:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wahlanganisa abaperisite naba‐Levi, wati kubo: Pumani niye ezixekweni zakwa‐Juda, niyibute kubo bonke o‐Sirayeli imali yokulungisa indlu katixo wenu, kwiminyaka ngeminyaka; nani ke, yinxamiseni lendawo. Kodwa abayinxamisa aba‐Levi abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabahlanganisa ababingeleli nabaLevi, wathi kubo, Phumani niye emizini yakwaYuda, nibuthe imali kumaSirayeli onke, yokuyihlaziya indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka;yikhawuleziseni loo nto. Ke abaLevi abayikhawulezisanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Yiyani ezixekweni zakwaYuda, niqokelele imali kumaSirayeli onke, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu unyaka nonyaka, niwukhawulezise lo mbandela. Kodwa abaLevi babengangxamanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.