2 Chronicles 24:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wambiza u‐Yoyada umperisite omkulu, wati kuye: Yinina ukuba ungabuzanga aba‐Levi, ukuze bavelise kwa‐Juda nase‐Yerusaleme isitabataba sika‐Mosesi isicaka sikayehova, nesentlanganiso yo‐Sirayeli, ngenxa yayo intente yesinqi̔no?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wambiza uYehoyada umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Yini na ukuba ungabaveleli abaLevi, bayizise irhafu kumaYuda naseYerusalem, ngokomyalelo kaMoses, umkhonzi kaYehova, nowebandla lamaSirayeli, ngenxa yentente yesingqiniso?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wambiza uYehoyada umthetheli-waka, wathi kuye, Yini na ukuba ungatshongo kubaLevi, ukuba bazise iminikelo ephuma kwaYuda naseYerusalem, ngokomthetho kaMoses, umkhonzi kaYehova, nowebandla lakwaYuda? Sirayeli, ngaba uthini na kwintente yesingqino?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani wabiza umbingeleli omkhulu uJoyada, wathi kuye: “Ngani ukuba ungatsho abaLevi bezise imali engumrhumo owamiswa nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo waza wabethelelwa libandla likaSirayeli – mrhumo lowo abaLevi bebefanele ukuwuqokelela kumaJuda naseJerusalem – ingumrhumo wentente engqinela ubukho bukaNdikhoyo.”