2 Chronicles 24:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Hataliya, loncwangukazi, onyana bake bagqoboza indlu katixo, nazo zonke izinto ezingcwele zendlu kayehova bazinikela o‐Bali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
(Ngokuba uAtaliya, laa mfazi ungendawo, noonyana bakhe, babeyigqobhozile indlu kaThixo; kananjalo zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova babezenze ezooBhahali.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba oonyana baka-Ataliya, umfazi ongendawo, babeyidiliza indlu yoTHIXO oyinyaniso; bazinika ooBhahali zonke izipho ezingcwele zendlu kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amahlakani alaa mfazi ukhohlakeleyo uAtaliya aqhekeza indlu kaThixo, aza athatha izitya ezingcwele zendlu kaNdikhoyo, azisebenzisa kunqulo lukaBhali.