2 Chronicles 25:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Amatsiya wazomeleza, wapuma nabantu bake, waya emhlanjeni we‐Tyuwa, wabulala usapo luka‐Sehire, ishumi lamawaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmatsiya wazomeleza, wabaqhuba abantu bakhe, waya eSihlanjeni seTyuwa, wabulala koonyana bakwaSehire ishumi lamawaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uAmatsiya wamomeleza waza wabakhokela abantu bakhe waphuma waya kwiNtlambo yeTyuwa waza wabulala ishumi lamawaka koonyana bakaSehire.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAmaziya wabuya womelezeka wawukhokelela kwiNtili yeTyuwa umkhosi wakhe, apho ke wageqa amadoda aseSeyire alishumi lamawaka.