2 Chronicles 25:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Neshumi lamawaka oluhleliyo lwalutimba usapo luka‐Juda, lwaluzisa engcotsheni yeliwa, lwaluwisa pantsi kuyo ingcopo yeliwa, ukuba lwacandeka lwonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaYuda balithimba elinye ishumi lamawaka lihleli; babasa encotsheni yengxondorha leyo, babaphosa phantsi encotsheni yengxondorha, badlabhuka bonke bephela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amanye alishumi lamawaka awayesaphila, oonyana bakaYuda bathatyathelwa ekuthinjweni baza basiwa emqhokrweni wengxondorha baza babaphosa phantsi emqhokrweni wengxondorha, kangangokuba baqhekeka bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo umkhosi kaJuda wathimba amadoda alishumi lamawaka, wawathatha loo mabanjwa wawasa kwincopho yeliwa, waza wawajulela ezantsi antlekeka afa onke.