2 Chronicles 25:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa amadoda amabandla abewabuyisile u‐Amatsiya, ukuze angayi naye ekulweni, agaleleka ezixekweni zakwa‐Juda, kwa se‐Samariya kwada kwase‐Betehorone, abulala kubo abantu amawaka matatu, apanga impango enkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abomkhosi awababuyisayo uAmatsiya, ukuba bangayi naye ekulweni, bayingenela imizi yakwaYuda, bethabathela kwaSamari, besa eBhete-horon, babulala kuyo amawaka amathathu, baphanga into eninzi yamaxhoba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke amagorha awawabuyisayo uAmatsiya ukuba angayi naye ekulweni, ayingenela imizi yakwaYuda, ethabathela kwaSamari, esa eBhete-horon, abulala kuyo amawaka amathathu, ayithimba iqashiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wona laa mabutho wawagodusayo uAmaziya, asuka ahamba enqoloba iidolophu zakwaJuda ukususela eSamariya kuye eBhete-horon. Abulala abantu abangamawaka amathathu, aza athimba intaphane yamaxhoba.