2 Chronicles 25:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakuye u‐Amatsiya; waza watuma kuye umprofite, owati kuye: Yinina ukuba ufunile otixo babantu abangahlangulanga ababo abantu esandleni sako?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawutha umsindo kaYehova kuAmatsiya, wathumela umprofeti kuye, wathi kuye, Yini na ukuba uquqele izithixo zabantu ezingabahlangulanga abantu bazo esandleni sakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavutha ke umsindo kaYehova uAmatsiya, wathumela umprofeti kuye, wathi kuye, Ubuphi na oothixo babantu abangabahlangulanga abantu babo esandleni sakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ingqumbo kaNdikhoyo yavutha ngakuAmaziya. Waza ke wamthumelela umshumayeli owathi kuye: “Ngani ukuba uthembele kwaba thixo bolu hlanga, bengabanga nako nje ukubahlangula abantu babo esandleni sakho?”