2 Chronicles 25:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, nxa abeteta naye, wati kuye: Sikwenzile umcebisi kukumkani na? yeka; yinina ukuba ubetwe? Wandul’ ukuyeka umprofite lowo, wati: Ndiyazi ukuba utixo ucebile ukububisa wena, ngenxa yokuba wenzile oku, nokuba ungapulapulanga icebo lam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi esathetha naye, ukumkani wathi kuye, Sikumisile yini na ukuba ube ngumphakathi wokumkani? Yeka; yini na ukuba uzibethise. Wayeka umprofeti wathi, Ndiyazi ukuba uThixo ugqibe kwelokuba akutshabalalise, ngokuba ukwenzile oku, akwaliphulaphula icebo lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Esathetha naye, ukumkani wathi kuye, Ùphuma kukumkani na ngecebo? ibhere; yini na ukuba ubethwe? Wema lo mprofeti wathi: “Ndiyazi ukuba uThixo uzimisele ukukutshabalalisa, ngenxa yokuba ukwenzile oku, akwaliphulaphula icebiso lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Esathetha njalo, ukumkani wathi kuye: “Umiswe ngubani ukuba ucebise ukumkani wena? Suk' apha, thula! Kungenjalo ke ndakukubulala!” Umshumayeli ke wayekelela, kodwa waleka ngelithi: “Kambe ke ndiyazi ukuba uNdikhoyo uzimisele ukukutshabalalisa ngenxa yokuba uyenzile le nto, akwaliphulaphula necebiso lam.”