2 Chronicles 25:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda wafuna icebo, watumela ku‐Yohashe, unyana ka‐Yehowahazi unyana ka‐Jehu, ukumkani wo‐Sirayeli, ukuti: Yiza, sibonane ngobuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmatsiya ukumkani wakwaYuda wathabatha icebo, wathumela kuYowashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Khawuze siqwalaselane ngamehlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAmatsiya ukumkani wakwaYuda wacebisa, wathumela kuYowashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yiza sibonane sikhangelane ubuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uAmaziya ukumkani wakwaJuda uthe akuba ethetha-thethene nabacebisi bakhe wasuka wathumela ecel' umngeni kuYehowashe unyana kaYowahazi, kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza sihlangane!”