2 Chronicles 25:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli watumela ku‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda ukuti: Umtolo obuse‐Lebanone watuma kuyo isedare ebise‐Lebanone, usiti: Nika intombi yako kunyana wam ibe ngumfazi; saza sadlula isilo sasendle esibe sise‐Lebanone, sawunyatela umtolo lowo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYowashe ukumkani wamaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon ladlula, lalibhuqa ikhakakhaka elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, uTeshelo waseLebhanon wathumela eKedare waseLebhanon, wathi, Unyana wam mnike intombi yakho, abe ngumkakho; Yadlula irhamncwa laseLebhanon, wayinyathela emeveni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waphendula uAmaziya ukumkani wakwaJuda wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam!’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.