2 Chronicles 25:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uti: bona ke, uwabetile ama‐Edome; ngako intliziyo yako ikupakamisile ukuba uqa̔yise: hlala kaloku ekaya; kunganina ukuba uya kulwa nelishwa, ukuze uwe, kwa wena no‐Juda kunye nawe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi, Yabona, ndiwabulele amaEdom; yakuphakamisa intliziyo yakho, ukuba uzizukise. Hlala kaloku endlwini yakho; yini na ukuba okunene ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthi, Yabona, uwoyisile amaEdom; nentliziyo yakho iphakamele eluzukweni; hlala ekhaya ngoku; Yini na ukuba ude ungene ebubini bakho, wena namaYuda kunye nawe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yokuba usithi uwoyisile amaEdom, ngoku ukhukhumele unekratshi. Kambe ke mna ndithi: ‘Hlal' ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?’ ”