2 Chronicles 25:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wenyuka u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli; baza babonana ngobuso, yena no‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, e‐Bete‐shemeshe ekwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe, ekwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; babonana ubuso ngobuso, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe yakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.