2 Chronicles 25:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
No‐Amatsiya ukumkani wo‐Juda, unyana ka‐Yohashe, unyana ka‐Yehowahazi, u‐Yohashe ukumkani wo‐Sirayeli wambamba e‐Bete‐shemeshe, wamzisa e‐Yerusaleme, walucita udonga lwe‐Yerusaleme, kwa kulo isango lika‐Frayime kwada kwakulo isango legumbi, ikubite zingamakulu mane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana kaYehowahazi, eBhete-shemeshe, wamzisa eYerusalem; waluqhekeza udonga lwaseYerusalem, ethabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, iikubhite ezimakhulu mane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowashe ukumkani wakwaSirayeli wamthabatha uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana kaYehowahazi, eBhete-shemeshe, wamzisa eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, esangweni lakwaEfrayim. Isango lembombo liziikubhite ezimakhulu mane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. Ke uYehowashe wamsa eJerusalem, wafika waludiliza udonga lweJerusalem, ukusukela kwiSango lakwaEfrayim ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.