2 Chronicles 25:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku emveni kweloxesha wapambuka ngalo u‐Amatsiya ekumlandeleni uyehova, bayenza ingcebiswano ngakuye e‐Yerusaleme; wesaba waya e‐Lakishe: kodwa batumela emva kwake e‐Lakishe, bambulala kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, emveni kwexesha awatyeka ngalo uAmatsiya ekumlandeleni uYehova, bamceba eYerusalem; wasabela eLakishe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, emveni kwexesha awatyeka ngalo uAmatsiya kuYehova, bamceba eYerusalem; wabalekela eLagishe, bathumela eLagishe, bambulalela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAmaziya ke wathi akugwilika ekulandeleni *uNdikhoyo asuka amenzela iyelenqe amawabo eJerusalem, waza ke wabalekela eLakishe. Phofu ke nalapho amthumelela amadoda, aza ambulalela khona.