2 Chronicles 25:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti abantwana bazo akabafisa, koko wenzayo njengokuba̔liweyo emtetweni, encwadini ka‐Mosesi, apo ayaleleyo uyehova ngokuti: Oyise abayi kufela abantwana, nabantwana abayi kufela oyise, koko bonke ngabanye baya kufela esabo isono.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke oonyana babo akababulalanga, kwanjengoko kubhaliweyo emyalelweni, encwadini kaMoses, apho uYehova ebewise khona umthetho wokuthi: Mabangabulawa ooyise ngenxa yoonyana, noonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akababulalanga oonyana babo; wenza njengoko kubhaliweyo emyalelweni, encwadini kaMoses, apho uYehova wawisa umthetho, esithi, Aba yise mabangafe ngenxa yabantwana babo, mabangafe oonyana ngenxa yoonyana babo kodwa elowo uya kufa ngesakhe isono.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke zange ababulale oonyana bawo, koko wenza njengoko kubhaliweyo emthethweni kwincwadi kaMosis, apho uNdikhoyo ayalela ngokuthi: “Ooyise abayi kubulawa ngenxa yabantwana, kanti nabantwana abayi kubulawa ngenxa yooyise, koko ulowo nalowo uya kufela izono zakhe.”