2 Chronicles 25:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako u‐Amatsiya wahlanganisa o‐Juda, wabamisa ngendlu zoyise, ngenkosi zamawaka nangenkosi zamakulu, kwa bonke o‐Juda no‐Benjamine; waza wababala abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, wabafumana bengamawaka angamakulu matatu amadoda anyuliweyo, apuma nomkosi, apete umkonto nekaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmatsiya wawahlanganisa amaYuda onke, wawamisa ngokwezindlu zooyise, ngokwabathetheli-mawaka, nangokwabathetheli-makhulu, kuwo onke amaYuda namaBhenjamin;wababala, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kunyuse. Wabafuma na bengamakhulu amathathu amawaka amadodana anokuphuma umkhosi, ephethe iintonga namakhaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, uAmatsiya wawahlanganisa ndawonye amaYuda waza wawamisela ukuba abe ngabaphathi bamawaka neentloko zamakhulu ngokwezindlu zooyise kulo lonke elakwaYuda nelakwaBhenjamin; amadoda, ekwazi ukuya emfazweni, enokuphatha umkhonto nekhaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAmaziya wawaqokelela onke amaJuda, waza wawaba ngokwemizi, ewenza amabutho aliwaka nalikhulu – nditsho uJuda noBhenjamin. Wabagaya abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, waza wazuza amakhulu amathathu amawaka amadoda asemgangathweni wokungenela umkhosi, lawo anako ukusebenzisa umkhonto nekhaka.