2 Chronicles 25:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko bekusiza kuye indoda katixo, isiti: Kumkani! makungayi nawe umkosi wo‐Sirayeli; ngokuba uyehova engenabo o‐Sirayeli, kwa nabo bonke abalusapo luka‐Frayime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kweza ke umfo wakwaThixo kuye, esithi, Kumkani, mawungahambi nawe umkhosi wamaSirayeli; ngokuba akakho uYehova kumaSirayeli, koonyana bonke bakwaEfrayim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafika umfo wakwaThixo kuye, wathi, Camagu, kumkani, musa ukuyivumela imikhosi yakwaSirayeli ihambe nawe; ngenxa yokuba uYehova akakho kuSirayeli, oko kukuthi kubo bonke oonyana bakaEfrayim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke kwafika indoda yakwaThixo kuye, yathi: “Hayi, kumkani, la mabutho akwaSirayeli sukuwadibanisa namabutho akho, kuba kaloku *uNdikhoyo umchasile uSirayeli naye nabani na ongowakwaEfrayim.