2 Chronicles 25:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Amatsiya kwindoda katixo: Kuya kwenziwa nto nina pofu ngekulu letalente endizinikileyo emabandleni o‐Sirayeli? Yayisiti indoda katixo: Uyehova angakunika okuninzi pezu kwoku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmatsiya wathi kumfo wakwaThixo, Liya kuthiwani na ikhulu leetalente, endalinika umkhosi wamaSirayeli? Wathi umfo wakwaThixo, UYehova angakunika okuninzi kunoko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uAmatsiya wathi kumfo wakwaThixo oyinyaniso: “Kodwa siya kuthini na ngekhulu leetalente endalinika umkhosi wakwaSirayeli? Waphendula umfo wakwaThixo, wathi, uYehova unako ukukunika okungaphezu koko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAmaziya ke wathi kuloo mfo wakwaThixo: “Kothekani kodwa ngaloo mawaka amakhulu mathathu anamakhulu amane esiliva endiyihlawule ngaloo majoni akwaSirayeli?” Umfo wakwaThixo ke waphendula wathi: “UNdikhoyo unako ukukunika nangaphezulu.”