2 Chronicles 26:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BANDULA bonke abantu bakwa‐Juda batabata u‐Huziya, obeyiminyaka yalishumi elinesitandatu ubudala bake, bamenza ukumkani esikundleni soyise u‐Amatsiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubon ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubon’ ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke onke amaJuda athatha u-Uziya ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. U-Uziya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.