2 Chronicles 26:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza e‐Yerusaleme iziqingelwa zokulwa, isetyenzwa lencibi ezilumkileyo, ukuba zibe pezu kwenqaba napezu kwamagumbi odonga, kuze kutolwe ngentolo nangamatye amakulu. Kwaza kwapumela kude ndumo lwake; ngokuba ebencedwa ngento engummangaliso, wada womelela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza eYerusalem omashini abenziwe ngobuqili beengcibi, bokuba phezu kweenqaba ezinde naphezu koqoqo, ukuba kutolwe ngeentolo, kusawulwe ngamatye amakhulu. Laduma igama lakhe, lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza omatshini eYerusalem, aqingqwe ziingqondi, zaba phezu kweenqaba ezinde nasezindongeni, kukho iintolo namatye amakhulu. Laduma igama lakhe; kuba wancedwa ngendlela emangalisayo wada womelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
EJerusalem wenza oomatshini abaqingqwa ngamachule ukuze basetyenziswe ezinqabeni nakwizikhuselo ezisezikoneni zeendonga ukuze ke kudutyulwe ngeentolo, kugityiselwe ngamatye amakhulu. Udumo lwakhe lwanabela kulo lonke. Kaloku wancedwa waxhaswa kakhulu, wada ke wayingangamsha.