2 Chronicles 26:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa omeleleyo, yabir̔atsha intliziyo yake kude kwakukubujiswa kwake; ngokuba ebegqita ngakuye uyehova, utixo wake, wangena etempileni kayehova ukuba aqumise pezu kwesibingelo sesiqumiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe, wangena etempileni kaYehova, ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke akomelela, yaqhayisela intliziyo yakhe ngobubi; ngenxa yokuba wona kuYehova uThixo wakhe waza wangena etempileni kaYehova ukuze atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.